Elige una pista para reproducir

Mdali wentozonke
Ndiguqa phambi kwakho
Kulo nyaka siwuqalayo
Ndibulela inceba yakho
Ngokundigcina ndiphila
Mna nabantwana bam bobathathu
Nabazukulwana bam bobabini
Oodade wethu nabanakwethu nenzala yabo
Ndibeka lonke usapho lwam
LaseMatshaweni
NaseMagqwashwini phambi kwakho
Qhubeka njalo ke Nkosi
Usikhusele kuzo zonke iinzingo novavanyo
Olungapheliyo, esidlula kulo kweli hlabathi
Sikhusele kwizigulo zasenyameni
Thoba iintsikelelo zakho
Siphume kwisimo somnotho esihexayo
Apha eMzantsi Africa
Sisikelele
Siphumelele kwimizamo yethu
Yokuzithuthukisa kweli hlabathi
Sinike ingqondo ephangaleleyo
Nelumkileyo ukuze sikwazi ukuthatha izigqibo
Ezakhayo nezikhulisa nelizwe lethu apha
Phozisa iintlungu nakwabo abagulayo Bawo
Veza amathuba engqesho
Kwabo abafunayo imisebenzi
Uvule iingcango apho kuvaliweyo khona
Mabudede ubumnyama
Kuvele ukukhanya ezimpilweni zethu
Ndiyazi Nkosi akhonto ikohlulayo wena
Yiba ligwiba lethu nenqaba
Yethu esiphephela kuyo
Ngomhla kaxakeka Thixo
Sicela impilo nempumelelo
Kwimizamo yethu sisonke
Sicela ngegama lakho elingcwele
Amen