Bawo baxolele, kuba abazi nto
Ummiselo wamanyange
Bawo baxolele
Bawo baxolele, kuba abazi nto
Ivuliw'iparadesi, baya ku babaza
Bawo baxolele, kuba abazi nto
Mfazi nank'unyana wakho, wokunyamekela
Bawo baxolele kuba abazi nto
Ungandishiyi bawo wam
Kuyo le ntsunguzi
Bawo baxolele kuba abazi nto
Ndiyanxanwa, ndiyanxanwa kulo eli futhe
Bawo baxolele, kuba abazi nto
Kugqikiwe, kuhlawuliwe, liphelil'ityala
Bawo baxolele kuba abazi nto
Yamkela umphefumlo wam
Bawo baxolele!