Phezu komhlaba ngamazwe ngamazwe
Phezu komhlaba zizizwe ngezizwe
Apho iintetho zahluka-hlukayo
Apho maninz’amasiko enzwayo
Kodwa nangona zahluka-hlukayo
Kukho indawo zihlangana ngayo
Zonk’izizwe zihlel’ezonweni
Zonke izizwe zotshon’ekufeni
Apha ngaphantsi uncedo alukho
Apha ngaphantsi ubomi abukho
Phaya phezulu silangazelela
Apho umncedi waboni wovela
Yesu inguwe onokusindisa
Yesu inghuwe onokuphilsa
Sesi thembele ngawakho amandla
Sesibambele esakho isandla
Wena wafela aboni bomhlaba
Wena wazisa izizwe iindaba
Yiba nodumo kumazwe ngamazwe
Yiba nodumo kwizizwe ngezizwe
Yiba nodumo kumazwe ngamazwe
Yiba nodumo kumazwe ngamazwe